-
-
Xhosa
-
-
28
|Romanos 15:28|
Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani.
-
29
|Romanos 15:29|
Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.
-
30
|Romanos 15:30|
Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo,
-
31
|Romanos 15:31|
ukuze ndihlangulwe kwabaziingqola kwelakwaYuda, nokuze ulungiselelo lwam olusinga eYerusalem lube nokwamkeleka kakuhle kubo abangcwele,
-
32
|Romanos 15:32|
ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane.
-
33
|Romanos 15:33|
UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.
-
1
|Romanos 16:1|
Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya;
-
2
|Romanos 16:2|
ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
-
3
|Romanos 16:3|
Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu;
-
4
|Romanos 16:4|
bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13