-
-
Xhosa
-
-
1
|Romanos 14:1|
Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.
-
2
|Romanos 14:2|
Omnye okunene uyakholwa ukuba angazidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa.
-
3
|Romanos 14:3|
Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele.
-
4
|Romanos 14:4|
Ungubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso. Siya kuma ke; kuba uThixo unako ukusimisa.
-
5
|Romanos 14:5|
Omnye okunene ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo nalowo makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.
-
6
|Romanos 14:6|
Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, engadli nje, wenzela iNkosi, abe ebulela kuThixo.
-
7
|Romanos 14:7|
Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo.
-
8
|Romanos 14:8|
Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi.
-
9
|Romanos 14:9|
Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.
-
10
|Romanos 14:10|
Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13