-
-
Xhosa
-
-
8
|Romanos 15:8|
Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo;
-
9
|Romanos 15:9|
zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho.
-
10
|Romanos 15:10|
Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.
-
11
|Romanos 15:11|
Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga, Niyibonge, nonke nina bantu.
-
12
|Romanos 15:12|
Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; Ziya kuthembela kuye iintlanga.
-
13
|Romanos 15:13|
Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.
-
14
|Romanos 15:14|
Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana.
-
15
|Romanos 15:15|
Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo,
-
16
|Romanos 15:16|
ukuze ndibe ngobusela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele.
-
17
|Romanos 15:17|
Ngoko ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13