-
-
Xhosa
-
-
14
|1 Corintios 3:14|
Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo.
-
15
|1 Corintios 3:15|
Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.
-
16
|1 Corintios 3:16|
Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu?
-
17
|1 Corintios 3:17|
Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.
-
18
|1 Corintios 3:18|
Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.
-
19
|1 Corintios 3:19|
Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;
-
20
|1 Corintios 3:20|
kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto.
-
21
|1 Corintios 3:21|
Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu: kuba izinto zonke zezenu;
-
22
|1 Corintios 3:22|
nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezingeneyo, nokuba zezizayo: zonke zezenu.
-
23
|1 Corintios 3:23|
Nina ke ningabakaKristu, uKristu ke ngokaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19