-
-
Xhosa
-
-
10
|1 Corintios 2:10|
UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo.
-
11
|1 Corintios 2:11|
Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
-
12
|1 Corintios 2:12|
Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkele uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo;
-
13
|1 Corintios 2:13|
esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.
-
14
|1 Corintios 2:14|
Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.
-
15
|1 Corintios 2:15|
Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.
-
16
|1 Corintios 2:16|
Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.
-
1
|1 Corintios 3:1|
Nam ke, bazalwana, bendingenakuthetha kuni njengakwaboMoya; bendinokuthetha njengakwabenyama, njengakwabaziintsana kuKristu.
-
2
|1 Corintios 3:2|
Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako.
-
3
|1 Corintios 3:3|
Kuba nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5