-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Corintios 1:21|
Ekubeni ke kuthe, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo.
-
22
|1 Corintios 1:22|
Ekubeni ke amaYuda ecela umqondiso, amaGrike efuna ubulumko, thina okwethu sivakalisa uKristu,
-
23
|1 Corintios 1:23|
ebethelelwe emnqamlezweni; isikhubekiso ke eso kumaYuda, ubudenge kumaGrike;
-
24
|1 Corintios 1:24|
ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo.
-
25
|1 Corintios 1:25|
Ngokuba into kaThixo ebubudenge ilumkile kunabantu, nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.
-
26
|1 Corintios 1:26|
Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, akamaninzi amanene.
-
27
|1 Corintios 1:27|
UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo;
-
28
|1 Corintios 1:28|
nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingathi azikho, ukuze aziphuthise izinto ezikhoyo;
-
29
|1 Corintios 1:29|
ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.
-
30
|1 Corintios 1:30|
Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa kwanobungcwalisa nentlawulelo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7