-
-
Xhosa
-
-
4
|1 Corintios 3:4|
Kuba xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos, athi wumbi, Mna ndingoka-Apolo, aningabenyama na ke?
-
5
|1 Corintios 3:5|
Ungubani na yena uPawulos? engubani na yena uApolo? Ingabalungiseleli nje kuphela, enakholwa ngabo, njengokuba iNkosi yamnikayo ulowo nalowo.
-
6
|1 Corintios 3:6|
Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.
-
7
|1 Corintios 3:7|
Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo.
-
8
|1 Corintios 3:8|
Lowo utyalayo ke, nalowo unkcenkceshayo, banto-nye; kodwa elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka.
-
9
|1 Corintios 3:9|
Kuba thina singabasebenzisi bakaThixo; nina niyintsimi kaThixo, nisisakhiwo sikaThixo.
-
10
|1 Corintios 3:10|
Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo.
-
11
|1 Corintios 3:11|
Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu.
-
12
|1 Corintios 3:12|
Ukuba ke umntu ukhe wakha phezu kweli litye lesiseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza,
-
13
|1 Corintios 3:13|
umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazisa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5