-
-
Xhosa
-
-
31
|1 Corintios 1:31|
ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi.
-
1
|1 Corintios 2:1|
Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo.
-
2
|1 Corintios 2:2|
Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
-
3
|1 Corintios 2:3|
Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu.
-
4
|1 Corintios 2:4|
Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla,
-
5
|1 Corintios 2:5|
ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.
-
6
|1 Corintios 2:6|
Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo.
-
7
|1 Corintios 2:7|
Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu;
-
8
|1 Corintios 2:8|
ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),
-
9
|1 Corintios 2:9|
njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7