-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|1 Crónicas 5:15|
uAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, intloko yendlu yooyise.
-
16
|1 Crónicas 5:16|
Bahlala eGiliyadi naseBhashan, nasemagxamesini ayo, nasemadlelweni onke aseSharon, kwesa ekupheleni kwawo.
-
17
|1 Crónicas 5:17|
Bonke abo babhalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli.
-
18
|1 Crónicas 5:18|
Oonyana bakaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, kumakroti, amadoda anokuphatha ingweletshetshe nekrele, nokugoba isaphetha, afundiswe ukulwa, ngamashumi amane anesine amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci amathandathu, abephuma umkhosi.
-
19
|1 Crónicas 5:19|
Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi.
-
20
|1 Crónicas 5:20|
Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye.
-
21
|1 Crónicas 5:21|
Bayithimba imfuyo yawo, iinkamela zawo amashumi omahlanu amawaka, nempahla emfutshane amakhulu omabini anamanci mahlanu amawaka, namaesile amawaka amabini, abantu belikhulu lamawaka.
-
22
|1 Crónicas 5:22|
Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.
-
23
|1 Crónicas 5:23|
Ke kaloku oonyana besiqingatha sesizwe sakwaManase bahlala kwelo zwe; bathabathela eBhashan, besa eBhahali-hermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon, ukuba baninzi kwabo.
-
24
|1 Crónicas 5:24|
Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: noEfere, noIshi, noEliyeli, noAzeriyeli, noYeremiya, noHodaviya, noYadiyeli, amadoda angamagorha anobukroti, amadoda anegama, iintloko zezindlu zooyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10