-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
38
|1 Crónicas 4:38|
abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene.
-
39
|1 Crónicas 4:39|
Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane.
-
40
|1 Crónicas 4:40|
Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala.
-
41
|1 Crónicas 4:41|
Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona.
-
42
|1 Crónicas 4:42|
Kwaphuma kubo, koonyana bakaSimon abo, kwaya entabeni yaseSehire, amadoda angamakhulu amahlanu, ephethwe ngooPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi.
-
43
|1 Crónicas 4:43|
Baxabela amaqongqolo ama-Amaleki abesindile; bahlala khona unanamhla.
-
1
|1 Crónicas 5:1|
Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo;
-
2
|1 Crónicas 5:2|
ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye inganga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu):
-
3
|1 Crónicas 5:3|
oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguEnoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi.
-
4
|1 Crónicas 5:4|
Oonyana bakaYoweli nguShemaya unyana wakhe, nguGogi unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10