-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|1 Crónicas 4:8|
UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum.
-
9
|1 Crónicas 4:9|
Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse, esithi, Ndimzele ngokubulaleka.
-
10
|1 Crónicas 4:10|
UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.
-
11
|1 Crónicas 4:11|
UKelubhi, umkhuluwa kaShuwa, wazala uMehire, onguyise kaEshton.
-
12
|1 Crónicas 4:12|
UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka.
-
13
|1 Crónicas 4:13|
Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi.
-
14
|1 Crónicas 4:14|
UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim, ngokuba bebeziingcibi.
-
15
|1 Crónicas 4:15|
Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi.
-
16
|1 Crónicas 4:16|
Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli.
-
17
|1 Crónicas 4:17|
Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10