-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|1 Crónicas 10:14|
akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.
-
1
|1 Crónicas 11:1|
Abuthelana ke onke amaSirayeli kuDavide eHebron, athi, Uyabona, silithambo lakho, siyinyama yakho;
-
2
|1 Crónicas 11:2|
kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yinganga yabantu bam amaSirayeli.
-
3
|1 Crónicas 11:3|
Afika onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron, wenza umnqophiso nawo uDavide eHebron, phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli, ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaSamuweli.
-
4
|1 Crónicas 11:4|
Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe.
-
5
|1 Crónicas 11:5|
Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo).
-
6
|1 Crónicas 11:6|
Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke.
-
7
|1 Crónicas 11:7|
UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide.
-
8
|1 Crónicas 11:8|
Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi.
-
9
|1 Crónicas 11:9|
UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13