-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|1 Crónicas 11:10|
Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli.
-
11
|1 Crónicas 11:11|
Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye.
-
12
|1 Crónicas 11:12|
Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu.
-
13
|1 Crónicas 11:13|
Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti.
-
14
|1 Crónicas 11:14|
Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu.
-
15
|1 Crónicas 11:15|
Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa.
-
16
|1 Crónicas 11:16|
UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.
-
17
|1 Crónicas 11:17|
Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!
-
18
|1 Crónicas 11:18|
Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova,
-
19
|1 Crónicas 11:19|
wathi, Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encame imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13