-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|1 Crónicas 11:20|
UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.
-
21
|1 Crónicas 11:21|
Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; akafika kodwa kulawa mathathu.
-
22
|1 Crónicas 11:22|
UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.
-
23
|1 Crónicas 11:23|
Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.
-
24
|1 Crónicas 11:24|
Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.
-
25
|1 Crónicas 11:25|
Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
-
26
|1 Crónicas 11:26|
Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;
-
27
|1 Crónicas 11:27|
uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon;
-
28
|1 Crónicas 11:28|
uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;
-
29
|1 Crónicas 11:29|
uSibhekayi umHusha; uIlayi umAhowa;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13