-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|1 Crónicas 15:2|
Waza uDavide wathi, Mayingathwalwa ityeya kaThixo ngabangebaLevi; ngokuba unyule bona uYehova ukuba bayithwale ityeya kaThixo, bamlungiselele ngonaphakade.
-
3
|1 Crónicas 15:3|
UDavide wawabizela ndawonye onke amaSirayeli eYerusalem, ukuze ityeya kaYehova inyuswe, isiwe endaweni yayo abeyilungisele yona.
-
4
|1 Crónicas 15:4|
Wabahlanganisa uDavide oonyana baka-Aron nabaLevi.
-
5
|1 Crónicas 15:5|
Koonyana bakaKehati yangu-Uriyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mabini.
-
6
|1 Crónicas 15:6|
Koonyana bakaMerari yanguAsaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini anamanci mabini.
-
7
|1 Crónicas 15:7|
Koonyana bakaGershom yanguYoweli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mathathu.
-
8
|1 Crónicas 15:8|
Koonyana bakaElitsafan yanguShemaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini.
-
9
|1 Crónicas 15:9|
Koonyana bakaHebron yanguEliyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamashumi asibhozo.
-
10
|1 Crónicas 15:10|
Koonyana bakaUziyeli yanguAminadabhi umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinashumi-nye linababini.
-
11
|1 Crónicas 15:11|
UDavide wabiza ooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli, nabaLevi ooUriyeli, noAsaya, noYoweli, noShemaya, noEliyeli, noAminadabhi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16