-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|1 Crónicas 15:12|
Wathi kubo, Niziintloko zezindlu zooyihlo kubaLevi; zingcwaliseni nina nabazalwana benu, ninyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli, ize apho ndiyilungiselele khona;
-
13
|1 Crónicas 15:13|
ngokuba, yabingenini nje enayinyusayo kwasekuqaleni, wasityhobozela uYehova uThixo wethu, ngokuba singamfunanga ngokwesiko.
-
14
|1 Crónicas 15:14|
Bazingcwalisa ke ababingeleli nabaLevi, ukuba bayinyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli.
-
15
|1 Crónicas 15:15|
Bayithwala oonyana bakaLevi ityeya kaThixo, njengoko abemwisele umthetho uMoses ngokwelizwi likaYehova, emagxeni abo, ngezibonda ezikuwo.
-
16
|1 Crónicas 15:16|
Wathi uDavide kubathetheli babaLevi, mabamise abazalwana babo babe ziimvumi, beneempahla zokuvuma: imirhubhe, neehadi, namacangci akhenkcezayo, kuphakanyiswe ngesandi sovuyo.
-
17
|1 Crónicas 15:17|
AbaLevi bamisa ke uHeman unyana kaYoweli, nakubazalwana bakhe uSafu unyana kaBherekiya, nakoonyana bakaMerari, abazalwana babo, uEtan unyana kaKushaya,
-
18
|1 Crónicas 15:18|
benabazalwana babo bolwesibini udidi: yanguZekariya, noBhen, noYahaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noBhenaya, noMahazeya, noMatitiya, noElifelehu, noMikeneya, oo-Obhedi-edom, noYehiyeli, abamasango.
-
19
|1 Crónicas 15:19|
Iimvumi, ooHeman, noAsafu, noEtan, baba ngabokuvakalisa ngamacangci obhedu;
-
20
|1 Crónicas 15:20|
ooZekariya, noHaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noMagaseya, noBhenaya, ngemirhubhe, ngeleentombi ilizwi;
-
21
|1 Crónicas 15:21|
ooMatitiya, noElifelehu, noMikeneha, no-Obhedi-edom, noYehiyeli, noAzaziya ngeehadi, ngelamadoda ilizwi, ukuba bahlabele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16