-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|1 Crónicas 16:3|
Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi.
-
4
|1 Crónicas 16:4|
Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli.
-
5
|1 Crónicas 16:5|
YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci.
-
6
|1 Crónicas 16:6|
OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo.
-
7
|1 Crónicas 16:7|
Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:
-
8
|1 Crónicas 16:8|
Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.
-
9
|1 Crónicas 16:9|
Vumani kuye, mbetheleni uhadi, Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.
-
10
|1 Crónicas 16:10|
Qhayisani ngegama lakhe elingcwele, Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova.
-
11
|1 Crónicas 16:11|
Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
-
12
|1 Crónicas 16:12|
Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo, Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16