-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|1 Crónicas 16:23|
Vumani kuYehova, nonke hlabathi, Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.
-
24
|1 Crónicas 16:24|
Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.
-
25
|1 Crónicas 16:25|
Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,
-
26
|1 Crónicas 16:26|
Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.
-
27
|1 Crónicas 16:27|
Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.
-
28
|1 Crónicas 16:28|
Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla.
-
29
|1 Crónicas 16:29|
Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe; Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.
-
30
|1 Crónicas 16:30|
Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi; Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.
-
31
|1 Crónicas 16:31|
Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.
-
32
|1 Crónicas 16:32|
Malugqume ulwandle nokuzala kwalo; Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16