-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
43
|1 Crónicas 16:43|
Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe.
-
1
|1 Crónicas 17:1|
Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga.
-
2
|1 Crónicas 17:2|
Wathi uNatan kuDavide, Konke okusentliziyweni yakho, kwenze, ngokuba uThixo unawe.
-
3
|1 Crónicas 17:3|
Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,
-
4
|1 Crónicas 17:4|
Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Utsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.
-
5
|1 Crónicas 17:5|
Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.
-
6
|1 Crónicas 17:6|
Ekuhambeni konke, endakuhamba-hambayo namaSirayeli onke, khe ndathetha izwi na nakumnye kubagwebi bakwaSirayeli, endabawisela umthetho wokwalusa abantu bam, lokuthi, Yini na ukuba ningandakheli ndlu yamisedare?
-
7
|1 Crónicas 17:7|
Ke ngoko wotsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndakuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli.
-
8
|1 Crónicas 17:8|
Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini.
-
9
|1 Crónicas 17:9|
Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babonakalise, njengamhla mnene;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16