-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|1 Crónicas 17:20|
Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.
-
21
|1 Crónicas 17:21|
Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?
-
22
|1 Crónicas 17:22|
Wabenza abantu bakho amaSirayeli baba ngabantu kuwe, kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.
-
23
|1 Crónicas 17:23|
Kaloku, Yehova, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, malibe yinyaniso kude kuse ephakadeni, wenze njengoko uthethileyo;
-
24
|1 Crónicas 17:24|
libe yinyaniso, likhule igama lakho kude kuse ephakadeni, kusithiwa, UYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, nguThixo kuSirayeli; indlu kaDavide, umkhonzi wakho, iqinile phambi kwakho.
-
25
|1 Crónicas 17:25|
Ngokuba wena, Thixo wam, ukutyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, ukuba uya kumakhela indlu. Ngenxa yoko umkhonzi wakhe ufumene intliziyo yokuthandaza phambi kwakho.
-
26
|1 Crónicas 17:26|
Kaloku, Yehova, unguye uThixo wena; uzithethile ke ngomkhonzi wakho ezi zinto zilungileyo.
-
27
|1 Crónicas 17:27|
Kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Yehova, uyisikelele into, yosikeleleka ke ngonaphakade.
-
1
|1 Crónicas 18:1|
Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; wayithabatha iGati namagxamesi ayo esandleni samaFilisti.
-
2
|1 Crónicas 18:2|
Wawaxabela amaMowabhi; amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16