-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|1 Crónicas 18:3|
UDavide wamxabela uHadarezere, ukumkani weTsobha, eHamati, ekuyeni kwakhe ukuwamisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.
-
4
|1 Crónicas 18:4|
UDavide wazithimbela iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi omabini amawaka angumqikela. UDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu.
-
5
|1 Crónicas 18:5|
Ke ama-Aram aseDamasko eza kunceda uHadarezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.
-
6
|1 Crónicas 18:6|
UDavide wamisa ikampu kwa-Aram-damasko. Ama-Aram aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
-
7
|1 Crónicas 18:7|
Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadarezere, wawazisa eYerusalem;
-
8
|1 Crónicas 18:8|
naseTibhati naseKun, imizi kaHadarezere, uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kunene, olo uSolomon wenza ngalo ulwandle lobhedu, neentsika, nempahla yobhedu.
-
9
|1 Crónicas 18:9|
Weva ke uTohu ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadarezere ukumkani waseTsobha,
-
10
|1 Crónicas 18:10|
wathuma uHadoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele, ngenxa yokuba ebelwile noHadarezere, wameyisa (ngokuba uTohu wayengumfo obesilwa noHadarezere). Waye uHadoram lowo ephethe neempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezobhedu.
-
11
|1 Crónicas 18:11|
Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki.
-
12
|1 Crónicas 18:12|
UAbhishayi unyana kaTseruya wawabulala amaEdom angamawaka alishumi linesibhozo eSihlanjeni seTyuwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16