-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 23:1|
Wathumela ukumkani; ahlanganiselana kuye onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
-
2
|2 Reyes 23:2|
Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi bonke baseYerusalem kunye naye, nababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu. Wawalesa ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso eyafunyanwa endlwini kaYehova.
-
3
|2 Reyes 23:3|
Wema ukumkani phezu kwendawo ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova, wokulandela uYehova, nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yonke, nangomphefumlo wonke, nokuwamisa onke amazwi alo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi; bema ke bonke abantu emnqophisweni lowo.
-
4
|2 Reyes 23:4|
Ukumkani wamwisela umthetho uHilekiya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bolwesibini udidi, nabagcini-mnyango, wokuba bazikhuphe ebhotweni likaYehova zonke iimpahla ezaye zenzelwe uBhahali, noAshera, nomkhosi wonke wezulu. Wazitshisela ngaphandle kweYerusalem emaphandleni aseKidron, uthuthu lwazo walusa eBheteli.
-
5
|2 Reyes 23:5|
Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu.
-
6
|2 Reyes 23:6|
Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu.
-
7
|2 Reyes 23:7|
Wazidiliza izindlu zamangÂ’awu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.
-
8
|2 Reyes 23:8|
Wabathabatha bonke ababingeleli emizini yakwaYuda, wazenza inqambi iziganga, apho babeqhumisela khona ababingeleli, ethabathela eGebha ase eBher-shebha, wazidiliza iziganga zamasango, ezisekungeneni kwesango likaYoshuwa, umphathi womzi, nezisekhohlo komntu ongena esangweni lomzi.
-
9
|2 Reyes 23:9|
Kodwa ke ababingeleli abo beziganga abenyukanga beze esibingelelweni sikaYehova eYerusalem; banela ukudla izonka ezingenagwele phakathi kwabazalwana babo.
-
10
|2 Reyes 23:10|
Wayenza inqambi iTofete, esemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze kungabikho mntu umcandisa emlilweni kuMoleki unyana wakhe, nokuba yintombi yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7