-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Reyes 23:21|
Ukumkani wabawisela umthetho abantu bonke, wathi, Yenzani ipasika kuYehova, uThixo wenu, ngoko kubhaliweyo encwadini yalo mnqophiso.
-
22
|2 Reyes 23:22|
Ngokuba bekungazanga kwenziwe pasika ngokwale pasika, kususela kwimihla yabagwebi ababelawula amaSirayeli, nangemihla yonke yookumkani bakwaSirayeli, nookumkani bakwaYuda.
-
23
|2 Reyes 23:23|
Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukwenziwa kwale pasika kuYehova eYerusalem.
-
24
|2 Reyes 23:24|
Kananjalo ke abaneshologu, noosiyazi, nemilonde-khaya, nezigodo ezizizithixo, neento zonke ezinezothe, ezibe zibonwa ezweni lakwaYuda naseYerusalem, wazitshayela uYosiya, ukuze amise amazwi omyalelo abhaliweyo encwadini abeyifumene uHilekiya umbingeleli endlwini kaYehova.
-
25
|2 Reyes 23:25|
Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; nangasemva kwakhe akuvelanga unjengaye.
-
26
|2 Reyes 23:26|
Akabuyanga noko uYehova ekuvutheni komsindo wakhe omkhulu, umsindo wakhe owavutha kumaYuda, ngenxa yokuqumbisa konke abequmbise ngako uManase.
-
27
|2 Reyes 23:27|
Wathi uYehova, Ndiya kuwasusa namaYuda ebusweni bam, njengokuba ndawasusayo amaSirayeli, ndiwulahle lo mzi ndawunyulayo, iYerusalem le, nendlu le ndathi, Liya kuba kuyo igama lam.
-
28
|2 Reyes 23:28|
Ezinye izinto zikaYosiya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
-
29
|2 Reyes 23:29|
Ngemihla yakhe wenyuka uFaro-neko, ukumkani waseYiputa, waya kulwa nokumkani waseAsiriya, emlanjeni ongumEfrati. Wahamba ukumkani uYosiya, waya kumhlangabeza; wambulala eMegido, akumbona.
-
30
|2 Reyes 23:30|
Bamthwala ngenqwelo abakhonzi bakhe, efele eMegido, bamsa eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe. Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi unyana kaYosiya, bamthambisa, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7