-
-
Xhosa
-
-
31
|2 Reyes 23:31|
UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zaba ntathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
-
32
|2 Reyes 23:32|
Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke abakwenzayo ooyise.
-
33
|2 Reyes 23:33|
UFaro-neko wamkhonkxa eRibhela, ezweni laseHamati, ukuze angabi ngukumkani eYerusalem. Ilizwe walihlahlisa ikhulu leetalente zesilivere, netalente yegolide.
-
34
|2 Reyes 23:34|
UFaro-neko wamenza ukumkani uEliyakim, unyana kaYosiya, esikhundleni sikaYosiya uyise, waliguqula igama lakhe languYehoyakim. Ke wamthabatha uYehowahazi, weza naye eYiputa; wafela khona.
-
35
|2 Reyes 23:35|
UYehoyakim wayinika uFaro isilivere leyo negolide leyo; kodwa ke walihlahlisa ilizwe ukuba anike imali ngokomlomo kaFaro, elowo ngokuhlahliswa kwakhe. Wabaqhuba abantu belizwe, ukuba bayirhole isilivere negolide, ukuba ayinike uFaro-neko.
-
36
|2 Reyes 23:36|
UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi linamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguZebhuda, intombi kaPedaya waseRuma.
-
37
|2 Reyes 23:37|
Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke abakwenzayo ooyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7