-
-
Xhosa
-
-
31
|2 Reyes 17:31|
awaseAya enza uNibhehas noTartake; awaseSefarvayim atshisa oonyana bawo ngomlilo kuAdrameleki noAnameleki, oothixo baseSefarvayim.
-
32
|2 Reyes 17:32|
Ebemoyika noYehova; azenzela eluntwini lonke ababingeleli beziganga, ababenzela amadini ezindlwini zeziganga.
-
33
|2 Reyes 17:33|
UYehova ayemoyika, oothixo bawo ebakhonza ngokwesiko leentlanga ababefuduswe kuzo.
-
34
|2 Reyes 17:34|
Unanamhla enza ngokwamasiko amhlamnene; akamoyiki uYehova, engenzi ngeyawo imimiselo nangelawo isiko, nangokomyalelo nomthetho, awabawiselayo uYehova oonyana bakaYakobi, awamnika igama elinguSirayeli.
-
35
|2 Reyes 17:35|
Wenza umnqophiso nabo uYehova, wabawisela umthetho, wathi, Ize ningoyiki thixo bambi, ningabanquli, ningabakhonzi, ningabingeleli kubo;
-
36
|2 Reyes 17:36|
nguYehova yedwa owaninyusayo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu nangengalo eyolukileyo; nguye eniya koyika yena, nimnqule, nibingelele kuye;
-
37
|2 Reyes 17:37|
imimiselo, namasiko, nomyalelo, nomthetho awanibhalelayo, nigcine ukwenza yona yonke imihla, ningoyiki thixo bambi;
-
38
|2 Reyes 17:38|
umnqophiso endawenza nani, ningawulibali wona, ningoyiki thixo bambi.
-
39
|2 Reyes 17:39|
NguYehova uThixo wenu yedwa eniya koyika yena; wonihlangula esandleni seentshaba zenu yena.
-
40
|2 Reyes 17:40|
Abaphulaphulanga; benza ngokwesiko labo lamhlamnene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13