-
-
Xhosa
-
-
20
|2 Reyes 18:20|
Uthi (uthetha into yomlomo wodwa), uneqhinga nobugorha bokulwa. Ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?
-
21
|2 Reyes 18:21|
Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe. Unjalo uFaro, ukumkani waseYiputa, kubo bonke abakholose ngaye.
-
22
|2 Reyes 18:22|
Ke ukuba nithi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu; ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, watsho kumaYuda nakwiYerusalem ukuthi, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo eYerusalem apha?
-
23
|2 Reyes 18:23|
Khawubekelane kaloku nenkosi yam ukumkani waseAsiriya: ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ukundinika abakhweli bokukhwela kuwo.
-
24
|2 Reyes 18:24|
Wothini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose nje ngeYiputa ngeenqwelo zokulwa, nangabamahashe?
-
25
|2 Reyes 18:25|
Ngokunje ndinyuke ndeza kuyonakalisa le ndawo, ndingenaye uYehova yini na? NguYehova lo uthe kum, Nyuka, uye kulonakalisa eli lizwe.
-
26
|2 Reyes 18:26|
Wathi uEliyakim, unyana kaHilekiya, noShebhena, noYowa, kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva. Musa ukuthetha nathi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.
-
27
|2 Reyes 18:27|
Wathi uRabheshake kubo, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho na, nakuwe na? Asikula madoda ahleliyo eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?
-
28
|2 Reyes 18:28|
Wema uRabheshake, wadanduluka ngelizwi elikhulu ngesiYuda, wathetha, wathi, Yivani ilizwi lokumkani omkhulu, lokumkani waseAsiriya:
-
29
|2 Reyes 18:29|
uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya; ngokuba akayi kuba nako nkunihlangula esandleni sam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13