-
-
Xhosa
-
-
3
|2 Reyes 19:3|
Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo, neyokohlwaywa, neyogibo; ngokuba abantwana baze kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala.
-
4
|2 Reyes 19:4|
Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva onke amazwi kaRabheshake, othunywe ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho. Nyusa ke umthandazo ngenxa yamaqongqolo asekhoyo.
-
5
|2 Reyes 19:5|
Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya.
-
6
|2 Reyes 19:6|
Wathi uIsaya kubo, Notsho kwinkosi yenu ukuthi, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukuwoyika amazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bokumkani waseAsiriya.
-
7
|2 Reyes 19:7|
Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.
-
8
|2 Reyes 19:8|
Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe.
-
9
|2 Reyes 19:9|
Weva kusithiwa ngoTiraka, ukumkani wakwaKushi, Nanko ephuma eza kulwa nawe. Wabuya wathumela abathunywa kuHezekiya, esithi,
-
10
|2 Reyes 19:10|
Notsho kuHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Musa ukulukuhlwa nguThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.
-
11
|2 Reyes 19:11|
Uyabona, ukuvile wena oko bakwenzayo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa. Uya kuhlangulwa na ke wena?
-
12
|2 Reyes 19:12|
Oothixo beentlanga bazihlangula na ke ezo zatshatyalaliswa ngoobawo: iGozan, neHaran, neRetsefe, nabase-Eden ababeseTelasare?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7