-
-
Xhosa
-
-
23
|2 Reyes 19:23|
Ngabathunywa bakho uyingcikivile iNkosi, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyayigawula imisedare yayo emide kakhulu, nemisipres yayo enyuliweyo, ndifike kweyokuphela indawo yayo yokulalisa, ehlathini lentsimi yayo echumayo.
-
24
|2 Reyes 19:24|
Mna ndimbe ndasela amanzi abefudula engekho, ndayomisa ngeentende zeenyawo zam yonke imijelo yaseYiputa.
-
25
|2 Reyes 19:25|
Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba. Ndikufikisile, kwenzeka ngoku, ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.
-
26
|2 Reyes 19:26|
Abemi bayo banqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, isihumba engqoloweni ingekabi mvila.
-
27
|2 Reyes 19:27|
Ke, ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.
-
28
|2 Reyes 19:28|
Ngenxa yokundigugumela kwakho, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.
-
29
|2 Reyes 19:29|
Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane, ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo;
-
30
|2 Reyes 19:30|
abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, babuye bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu.
-
31
|2 Reyes 19:31|
Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo, nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
-
32
|2 Reyes 19:32|
Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi; akayi kutola notolo kuwo; akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lwakungqinga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10