-
-
Xhosa
-
-
33
|2 Reyes 19:33|
Uya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kulo mzi; utsho uYehova.
-
34
|2 Reyes 19:34|
Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
-
35
|2 Reyes 19:35|
Kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka. Bavuka kusasa, nango, ezizidumbu ezifileyo onke.
-
36
|2 Reyes 19:36|
Wanduluka wahamba, wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve.
-
37
|2 Reyes 19:37|
Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
1
|2 Reyes 20:1|
Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.
-
2
|2 Reyes 20:2|
Wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, esithi,
-
3
|2 Reyes 20:3|
Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu.
-
4
|2 Reyes 20:4|
Kwathi, uIsaya engekaphumi kophakathi umzi, lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
-
5
|2 Reyes 20:5|
Buya uye kuthi kuHezekiya, inganga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10