-
-
Xhosa
-
-
13
|2 Reyes 19:13|
Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?
-
14
|2 Reyes 19:14|
Wawathabatha uHezekiya amaphepha eencwadi ezandleni zabathunywa, wawalesa; wenyuka waya endlwini kaYehova, wawaneka uHezekiya phambi koYehova.
-
15
|2 Reyes 19:15|
Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, uhleli wena phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.
-
16
|2 Reyes 19:16|
Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othume ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo.
-
17
|2 Reyes 19:17|
Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya bazichithile iintlanga namazwe azo,
-
18
|2 Reyes 19:18|
babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba babengethixo, babengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshababalisa ke.
-
19
|2 Reyes 19:19|
Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.
-
20
|2 Reyes 19:20|
Wathumela ke uIsaya, unyana ka-Amotse, kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.
-
21
|2 Reyes 19:21|
Lilo eli ilizwi alithethileyo uYehova ngaye, Intombi eyintombi enguZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi enguYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.
-
22
|2 Reyes 19:22|
Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele izwi lakho, uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7