-
-
Xhosa
-
-
30
|2 Reyes 18:30|
Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.
-
31
|2 Reyes 18:31|
Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;
-
32
|2 Reyes 18:32|
ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya, ilizwe lomnquma oneoli, elinobusi, nidle ubomi, ningafi. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba uyaninyanga xa athi, UYehova uya kunihlangula.
-
33
|2 Reyes 18:33|
Oothixo beentlanga balihlangula na elowo ilizwi lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya!
-
34
|2 Reyes 18:34|
Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? Baphi na oothixo baseSefarvayim, neHena, neIva, ukuba bangabi balihlangula elakwaSamari esandleni sam?
-
35
|2 Reyes 18:35|
Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe, olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?
-
36
|2 Reyes 18:36|
Bathi tu abantu, abamphendula nalizwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Ize ningamphenduli.
-
37
|2 Reyes 18:37|
Beza ke ooEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.
-
1
|2 Reyes 19:1|
Kwathi, akukuva oko ukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe, wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova.
-
2
|2 Reyes 19:2|
Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, ezigubungele ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotse.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13