-
-
Xhosa
-
-
10
|2 Reyes 18:10|
Bawuthimba ekupheleni kweminyaka emithathu, ngomnyaka wesithandathu kaHezekiya (lowo ngumnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli); wathinjwa ke umzi wakwaSamari.
-
11
|2 Reyes 18:11|
Ukumkani waseAsiriya wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawa beka eHala, naseHabhore emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi,
-
12
|2 Reyes 18:12|
ngenxa enokuba engaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wawo; esuka awugqitha umnqophiso wakhe, nako konke awawisa umthetho ngako uMoses umkhonzi kaYehova; akeva, akenza.
-
13
|2 Reyes 18:13|
Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinesine wokumkani uHezekiya, wenyuka uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi enqatyisiweyo yakwaYuda, wayithabatha.
-
14
|2 Reyes 18:14|
UHezekiya ukumkani wakwaYuda wathumela kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi, Ndonile, buya umke kum; othe wakubeka phezu kwam ndokuthwala. Waza ukumkani waseAsiriya wabeka phezu koHezekiya ukumkani wakwaYuda amakhulu omathathu eetalente zesilivere, namashumi omathathu eetalente zegolide.
-
15
|2 Reyes 18:15|
UHezekiya wamnika yonke isilivere eyafunyanwa endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani.
-
16
|2 Reyes 18:16|
Ngelo xesha uHezekiya wayinqamla igolide yeengcango zetempile kaYehova, nemigubasi abeyalekile uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya.
-
17
|2 Reyes 18:17|
Ukumkani waseAsiriya wasusa uTartan noRabhesarisi noRabheshake eLakishe, baya kukumkani uHezekiya eYerusalem, benempi enzima. Benyuka baya eYerusalem. Benyuka ke, bafika, bema emjelweni wechibi langasentla, osemendweni wentsimi yomsuki weengubo.
-
18
|2 Reyes 18:18|
Bamemeza kukumkani. Kwaphuma kwaya kubo uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
-
19
|2 Reyes 18:19|
Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13