-
-
Xhosa
-
-
1
|Apocalipsis 6:1|
Ndabona, xa iMvana yalivulayo elinye lamatywina, ndeva enye kuzo izinto eziphilileyo zone, isithi, ngathi kungesandi sokududuma, Yiza ubone.
-
2
|Apocalipsis 6:2|
Ndabona, nalo ihashe elimhlophe; lowo ke wayehleli phezu kwalo enesaphetha; wanikwa isithsaba, waphuma eseyisa, nokuze eyise.
-
3
|Apocalipsis 6:3|
Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva eyesibini into ephilileyo isithi, Yiza ubone.
-
4
|Apocalipsis 6:4|
Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu.
-
5
|Apocalipsis 6:5|
Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva eyesithathu into ephilileyo isithi, Yiza ubone. Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo ubenesikali sokulinganisa esandleni sakhe.
-
6
|Apocalipsis 6:6|
Ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zone, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo, neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo, ioli newayini uze ungayoni.
-
7
|Apocalipsis 6:7|
Xa yalivulayo elesine itywina, ndeva izwi lento ephilileyo yesine lisithi, Yiza ubone.
-
8
|Apocalipsis 6:8|
Ndabona, nalo ihashe eliluthuthu; lowo ke wayehleli phezu kwalo enguKufa igama lakhe, nelabafileyo lilandelelana naye. Banikwa igunya lokubulala kwisahlulo sesine somhlaba ngekrele, nangendlala, nangokufa, nangawo amarhamncwa omhlaba.
-
9
|Apocalipsis 6:9|
Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndayibona ngaphantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babesikwe ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo.
-
10
|Apocalipsis 6:10|
Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3