-
-
Xhosa
-
-
11
|Apocalipsis 6:11|
Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.
-
12
|Apocalipsis 6:12|
Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya; yathi inyanga yaba njengegazi;
-
13
|Apocalipsis 6:13|
zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu.
-
14
|Apocalipsis 6:14|
Lathi izulu lafingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi iintaba zonke neziqithi zasuswa ezindaweni zazo.
-
15
|Apocalipsis 6:15|
Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.
-
16
|Apocalipsis 6:16|
Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana;
-
17
|Apocalipsis 6:17|
ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3