-
-
Xhosa
-
-
10
|Apocalipsis 13:10|
Ukuba ubani uhlanganisela abanye ekuthinjweni, naye uya kusiwa ekuthinjweni; ukuba ubani ubulala ngekrele, umelwe kukubulawa naye ngekrele. Nalu unyamezelo nokholo lwabangcwele.
-
11
|Apocalipsis 13:11|
Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba.
-
12
|Apocalipsis 13:12|
Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba, nabo bawumiyo, ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa.
-
13
|Apocalipsis 13:13|
Lenza imiqondiso emikhulu, ukuze lihlise nomlilo ezulwini, uze emhlabeni phambi kwabantu,
-
14
|Apocalipsis 13:14|
libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa elo; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.
-
15
|Apocalipsis 13:15|
Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa.
-
16
|Apocalipsis 13:16|
Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini, abo.
-
17
|Apocalipsis 13:17|
nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
-
18
|Apocalipsis 13:18|
Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.
-
1
|Apocalipsis 14:1|
Ndabona, nantso iMvana imi phezu kwentaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7