-
-
Xhosa
-
-
2
|Apocalipsis 15:2|
Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabo bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo.
-
3
|Apocalipsis 15:3|
Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi: Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga.
-
4
|Apocalipsis 15:4|
Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.
-
5
|Apocalipsis 15:5|
Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini.
-
6
|Apocalipsis 15:6|
Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide.
-
7
|Apocalipsis 15:7|
Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zone, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
-
8
|Apocalipsis 15:8|
Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe.
-
1
|Apocalipsis 16:1|
Ndeva izwi elikhulu liphuma etempileni, lisithi kuzo izithunywa zezulu zosixhenxe, Hambani, niye kuziphalaza iingqayi zomsindo kaThixo emhlabeni.
-
2
|Apocalipsis 16:2|
Semka ke esokuqala, sayiphalaza ingqayi yaso emhlabeni; kwabakho isilonda esibi esinobuhlungu ebantwini, abo banophawu lwerhamncwa, abo baqubudayo kuwo umfanekiselo walo.
-
3
|Apocalipsis 16:3|
Saza esesibini isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elwandle; lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo edla ubomi yafa elwandle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7