-
-
Xhosa
-
-
14
|Apocalipsis 16:14|
Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.
-
15
|Apocalipsis 16:15|
Yabona, ndiza njengesela. Unoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi ze, balibone ihlazo lakhe.
-
16
|Apocalipsis 16:16|
Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.
-
17
|Apocalipsis 16:17|
Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile.
-
18
|Apocalipsis 16:18|
Kwabakho imibane, nezandi, neendudumo; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuha lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni.
-
19
|Apocalipsis 16:19|
Umzi omkhulu lowo waba zahlulo zithathu; yathi imizi yeentlanga yawa; iBhabheli enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe.
-
20
|Apocalipsis 16:20|
Into yonke eziziqithi yabaleka, neentaba zafunyanwa.
-
21
|Apocalipsis 16:21|
Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esimatye ngathi ubunzima bawo yitalente ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso, ngokuba sisikhulu kakhulu isibetho saso.
-
1
|Apocalipsis 17:1|
Saza seza esinye sazo izithunywa zezulu zosixhenxe, ezineengqayi zosixhenxe, sathetha nam, sisithi kum, Yiza apha, ndikubonise ukugwetywa kwalo ihenyukazi elikhulu, elihleli phezu kwawo amanzi amaninzi;
-
2
|Apocalipsis 17:2|
abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba, abo bawumiyo umhlaba, banxiliswa yiwayini yobuhenyu balo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Josué 14-17