-
-
Xhosa
-
-
4
|Apocalipsis 16:4|
Saza esesithathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emilanjeni nasemithonjeni yamanzi; yaba ligazi.
-
5
|Apocalipsis 16:5|
Ndeva isithunywa samanzi, sisithi: Unobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje;
-
6
|Apocalipsis 16:6|
Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti; Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele.
-
7
|Apocalipsis 16:7|
Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi: Ewe, Nkosi, Thixo Somandla, Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho.
-
8
|Apocalipsis 16:8|
Saza esesine isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo.
-
9
|Apocalipsis 16:9|
Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise.
-
10
|Apocalipsis 16:10|
Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani balo; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu;
-
11
|Apocalipsis 16:11|
bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo: abaguquka emisebenzini yabo.
-
12
|Apocalipsis 16:12|
Saza esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abo bavela empumalanga.
-
13
|Apocalipsis 16:13|
Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7