-
-
Xhosa
-
-
1
|Apocalipsis 19:1|
Ndaza emva koko ndeva sanga sisandi esikhulu sesihlwele esikhulu emazulwini, sisithi: Haleluya! Usindiso, nozuko, nembeko, namandla NgaweNkosi uThixo wethu!
-
2
|Apocalipsis 19:2|
Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo;
-
3
|Apocalipsis 19:3|
Ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, iligwebile, Igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo. Bathi okwesibini: Haleluya! Umsi walo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni.
-
4
|Apocalipsis 19:4|
Awa amadoda amakhulu, angamashumi amabini anamane, nezinto eziphilileyo zone, zaqubuda kuye uThixo ohleli phezu kwetrone, zisithi: Amen!
-
5
|Apocalipsis 19:5|
Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi: Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe, Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu.
-
6
|Apocalipsis 19:6|
Ndeva sanga sisandi sesihlwele esikhulu, sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu, sisithi: Haleluya! Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani.
-
7
|Apocalipsis 19:7|
Masivuye sigcobe, siyizukise; Ngokuba ufikile umsitho weMvana, Umfazi wayo uzilungisile.
-
8
|Apocalipsis 19:8|
Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele.
-
9
|Apocalipsis 19:9|
Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo.
-
10
|Apocalipsis 19:10|
Ndawa ezinyaweni zaso, ukuba ndiqubude kuso. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo; kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7