-
-
Xhosa
-
-
10
|Apocalipsis 20:10|
UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
-
11
|Apocalipsis 20:11|
Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.
-
12
|Apocalipsis 20:12|
Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.
-
13
|Apocalipsis 20:13|
Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.
-
14
|Apocalipsis 20:14|
Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini.
-
15
|Apocalipsis 20:15|
Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.
-
1
|Apocalipsis 21:1|
Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho.
-
2
|Apocalipsis 21:2|
Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.
-
3
|Apocalipsis 21:3|
Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; Uya kuhlala nabo emnqubeni, Bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo;
-
4
|Apocalipsis 21:4|
Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21