-
-
Xhosa
-
-
5
|Apocalipsis 21:5|
Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.
-
6
|Apocalipsis 21:6|
Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.
-
7
|Apocalipsis 21:7|
Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
-
8
|Apocalipsis 21:8|
Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
-
9
|Apocalipsis 21:9|
Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana.
-
10
|Apocalipsis 21:10|
Sandisa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo,
-
11
|Apocalipsis 21:11|
unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale.
-
12
|Apocalipsis 21:12|
Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli;
-
13
|Apocalipsis 21:13|
ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu.
-
14
|Apocalipsis 21:14|
Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile abalishumi elinababini bayo iMvana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21