-
-
Xhosa
-
-
25
|Apocalipsis 21:25|
Amasango awo akasayi kuvalwa mini (kuba ubusuku abuyi kubakho khona).
-
26
|Apocalipsis 21:26|
Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo.
-
27
|Apocalipsis 21:27|
Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.
-
1
|Apocalipsis 22:1|
Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana.
-
2
|Apocalipsis 22:2|
Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.
-
3
|Apocalipsis 22:3|
Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze,
-
4
|Apocalipsis 22:4|
babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo.
-
5
|Apocalipsis 22:5|
Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asema phakadeni.
-
6
|Apocalipsis 22:6|
Saza sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya.
-
7
|Apocalipsis 22:7|
Yabona, ndiyeza kamsinya; unoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21