-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Éxodo 35:32|
ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu;
-
33
|Éxodo 35:33|
nangokukrola amatye, awafake; nangokukrola imithi, asebenze imisebenzi yonke ngentelekelelo.
-
34
|Éxodo 35:34|
Ubeke entliziyweni yakhe ukuyala, yena ke kwanoAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan.
-
35
|Éxodo 35:35|
Ubazalise ngobulumko bentliziyo, ukuba benze umsebenzi wonke wokukrola, nowokuluka, ukuluka imfakamfele, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, neyomluki, babe ngabenzi bomsebenzi wonke, nabathelekeleli bokuyila.
-
1
|Éxodo 36:1|
Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
-
2
|Éxodo 36:2|
UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.
-
3
|Éxodo 36:3|
Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
-
4
|Éxodo 36:4|
Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;
-
5
|Éxodo 36:5|
zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.
-
6
|Éxodo 36:6|
Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7