-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Éxodo 35:12|
ityeya nezibonda zayo, isihlalo sokucamagusha, nomkhusane wokusithelisa;
-
13
|Éxodo 35:13|
itafile nezibonda zayo, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;
-
14
|Éxodo 35:14|
isiphatho sezibane zokukhanyisa, nempahla yaso, nezibane zaso, neoli yokukhanyisa;
-
15
|Éxodo 35:15|
isibingelelo sokuqhumisela nezibonda zaso, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso somnyango emnyango womnquba;
-
16
|Éxodo 35:16|
isibingelelo sedini elinyukayo, nothango lwaso lobhedu, nezibonda zaso, neempahla zaso zonke; nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
-
17
|Éxodo 35:17|
amawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso somnyango wentendelezo;
-
18
|Éxodo 35:18|
izikhonkwane zomnquba, nezikhonkwane zentendelezo, nezintya zazo;
-
19
|Éxodo 35:19|
izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.
-
20
|Éxodo 35:20|
Lemka ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli phambi koMoses.
-
21
|Éxodo 35:21|
Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7