-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Éxodo 34:27|
Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenze ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.
-
28
|Éxodo 34:28|
Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.
-
29
|Éxodo 34:29|
Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhleni kwakhe entabeni, akazi uMoses, ukuba ulusu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye.
-
30
|Éxodo 34:30|
UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulusu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye.
-
31
|Éxodo 34:31|
Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses.
-
32
|Éxodo 34:32|
Emveni koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabawisela umthetho wako konke abekuthethile uYehova kuye entabeni yaseSinayi.
-
33
|Éxodo 34:33|
Wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe.
-
34
|Éxodo 34:34|
Ekungeneni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha naye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma, wathetha koonyana bakaSirayeli oko abemwisele umthetho ngako.
-
35
|Éxodo 34:35|
Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe, wada wangena, waya kuthetha naye.
-
1
|Éxodo 35:1|
Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7