-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Éxodo 34:17|
Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.
-
18
|Éxodo 34:18|
Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine. Iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.
-
19
|Éxodo 34:19|
Yonke into evula isizalo yeyam, nemfuyo yakho yonke evula isizalo engamaduna, nokuba yinkomo, nokuba yimvu;
-
20
|Éxodo 34:20|
ke lona izibulo le-esile wolikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.
-
21
|Éxodo 34:21|
Wosebenza imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe uze uphumle, uphumle ekulimeni nasekuvuneni.
-
22
|Éxodo 34:22|
Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni komnyaka.
-
23
|Éxodo 34:23|
Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.
-
24
|Éxodo 34:24|
Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, linganqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.
-
25
|Éxodo 34:25|
Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika uze ungahlali kude kuse.
-
26
|Éxodo 34:26|
Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7