-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Éxodo 33:10|
Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.
-
11
|Éxodo 33:11|
UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.
-
12
|Éxodo 33:12|
Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, uthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo uya kundithuma naye; kanti ke uthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabale.
-
13
|Éxodo 33:13|
Ngoko ukuba undibabale, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.
-
14
|Éxodo 33:14|
Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.
-
15
|Éxodo 33:15|
Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.
-
16
|Éxodo 33:16|
Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuthi na uhambe nathi, sibaluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?
-
17
|Éxodo 33:17|
Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabale, ndikwazile ngegama.
-
18
|Éxodo 33:18|
Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.
-
19
|Éxodo 33:19|
Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3