-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Éxodo 32:25|
Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwabo bachasene nabo);
-
26
|Éxodo 32:26|
wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.
-
27
|Éxodo 32:27|
Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangeni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.
-
28
|Éxodo 32:28|
Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.
-
29
|Éxodo 32:29|
Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.
-
30
|Éxodo 32:30|
Kwathi ngengomso, uMoses wathi ebantwini, Nonile nina, nenza isono esikhulu; ndiya kunyuka ngoku ndiye kuYehova; mhlawumbi ndingacamagusha ngenxa yesono senu.
-
31
|Éxodo 32:31|
UMoses wabuya waya kuYehova, wathi, Yoo! Aba bantu bonile, benza isono esikhulu, bazenzela uthixo ngegolide.
-
32
|Éxodo 32:32|
Khawusixolele ngoko isono sabo; ukuba akunakuba njalo, wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.
-
33
|Éxodo 32:33|
Wathi uYehova kuMoses, Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.
-
34
|Éxodo 32:34|
Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7