-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Éxodo 34:7|
olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana!
-
8
|Éxodo 34:8|
Wakhawuleza uMoses, wathoba emhlabeni, waqubuda kuye.
-
9
|Éxodo 34:9|
Wathi, Ukuba undibabale, Nkosi yam, mayihambe phakathi kwethu iNkosi yam; kuba bengabantu abantamo ilukhuni. Xolela ubugwenxa bethu nesono sethu, usenze ilifa lakho.
-
10
|Éxodo 34:10|
Wathi, Yabona, ndenza umnqophiso; ndiya kwenza imisebenzi ebalulekileyo, engazanga idalwe ehlabathini lonke nasezintlangeni zonke, phambi kwabantu bonke bakowenu; bonke abantu ophakathi kwabo wena bowubona umsebenzi kaYehova; ngokuba yinto eyoyikekayo eniya kuyenza kuwe.
-
11
|Éxodo 34:11|
Kugcine oko ndikuwisela umthetho ngako namhla. Yabona, ndigxotha ebusweni bakho ama-Amori, namaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
-
12
|Éxodo 34:12|
Zigcine, hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe ungena kulo; hleze babe ngumgibe phakathi kwakho.
-
13
|Éxodo 34:13|
Nozidiliza izibingelelo zabo, niziqhekeze izimiso zabo zamatye, nibagawule ooAshera babo.
-
14
|Éxodo 34:14|
Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele;
-
15
|Éxodo 34:15|
hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo;
-
16
|Éxodo 34:16|
uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zibenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7