-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Éxodo 35:2|
Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke abenza umsebenzi ngayo bobulawa.
-
3
|Éxodo 35:3|
Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.
-
4
|Éxodo 35:4|
Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:
-
5
|Éxodo 35:5|
uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;
-
6
|Éxodo 35:6|
nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
-
7
|Éxodo 35:7|
nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;
-
8
|Éxodo 35:8|
neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi;
-
9
|Éxodo 35:9|
namatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni.
-
10
|Éxodo 35:10|
Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo:
-
11
|Éxodo 35:11|
umnquba nentente yawo, nesigubungelo sayo, amagwegwe ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7